Discover millions of ebooks, audiobooks, and so much more with a free trial

Only $11.99/month after trial. Cancel anytime.

Vukani!
Vukani!
Vukani!
Ebook123 pages2 hours

Vukani!

Rating: 0 out of 5 stars

()

Read preview

About this ebook

U-Vukani! Wehla eNY 200, isitrato esiseGuguletu, minyakana nje emva kokuphela kocalulo eMzantsi Afrika. KwiNdima 1, sibona ikhaya lakwaLonzi, iyadi nocingo olwahlula lo mzi nokaKoyana. Sibona ikhitshi, igumbi lokuhlala neengcango ezikhokhelela kumagumbi amathathu okulala. Yindlu ebonakalayo ukuba kuhlalwa kuyo le, iyasetyenziswa, kodwa icocekile. Likhaya lifana namanye abantu abanje ngaba - abangalambiyo noxa bengezizo izinhanha apha ezilokishini. KWINDIMA 2 - UMBONISO 3, sikwindawo eyahlukileyo, kwalaph' eNY 200; ize ekugqibeleni, KWINDIMA 2 le, sibe seCommunity Centre, iholo elikhulu elixwebileyo nelisetyenziselwa iziyunguma neziganeko ezithile ngabahlali.

LanguageXhosa
PublisherVia Afrika
Release dateSep 6, 2017
ISBN9781415452370
Vukani!
Author

Sindiwe Magona

USindiwe Magona ube engumsebenzi kwi Manyano yezizwe (United Nations) iminyaka engama-25. Uthe akuba enikwe umhlala phantsi wakhetha ukubuyela kweli loMzantsi - Afrika. Ngumbhali weendidi zeencwadi eziquka amabali amafutshane., amavo, idrama, imibonggo, inoveli ethi "Mother to Mother" kunye noninzi lwezinye lincwadana Lo kaMagona ubhala ngeelwimi ezimbini, isiXhosa kunye nesiNgesi.

Reviews for Vukani!

Rating: 0 out of 5 stars
0 ratings

0 ratings0 reviews

What did you think?

Tap to rate

Review must be at least 10 words

    Book preview

    Vukani! - Sindiwe Magona

    ABALINGANISWA

    Nomandla Lonzi:

    Phakathi kuma-40. Usebenza ekhitshini, isiqingatha semini, ukuze abesekhaya xa bebuy' esikolweni abantwana, uJongi noZama. Yinkosikazi kaMfundo.

    Mfundo Lonzi:

    Uleqa ama-50. Ufundile. Yinqununu yesikolo samabanga aphantsi. Ubukhukhumala.

    Jongilizwe Lonzi:

    17- iminyaka. Ufunda kwisikolo samabanga aphakamileyo. Ngunyana obevayo abazali koko unomsindo okhawulezayo ekholwa yimpindezelo.

    Zama Lonzi:

    14 - iminyaka. Unesiphiwo sokuthetha ezintlanganisweni.

    Themba Koyana:

    Liqina. Ngumcoci kwaNontsumpa. Umelene noMfundo.

    Nokwazi Koyana:

    Yinkosikazi kaThemba. Usebenza ekhitshini. Uyazithanda iindaba.

    Vuyo Malunga:

    17-iminyaka. Ngudlalani wasebumelwaneni.

    Fina Malunga:

    Uleqa ama-40. Ngunina kaVuyo. Usebenza ekhitshini, elala khona. Likholwa. U-Vuyo unomkhuluwa, uMonde. Uyise uselwandle, ngomsebenzi.

    INDAWO NEXESHA

    U-Vukani! Wehla eNY 200, isitrato esiseGuguletu, minyakana nje emva kokuphela kocalulo eMzantsi Afrika. KwiNdima 1, sibona ikhaya lakwaLonzi, iyadi nocingo olwahlula lo mzi nokaKoyana. Sibona ikhitshi, igumbi lokuhlala neengcango ezikhokhelela kumagumbi amathathu okulala. Yindlu ebonakalayo ukuba kuhlalwa kuyo le, iyasetyenziswa, kodwa icocekile. Likhaya lifana namanye abantu abanje ngaba - abangalambiyo noxa bengezizo izinhanha apha ezilokishini. KWINDIMA 2 - UMBONISO 3, sikwindawo eyahlukileyo, kwalaph' eNY 200; ize ekugqibeleni, KWINDIMA 2 le, sibe seCommunity Centre, iholo elikhulu elixwebileyo nelisetyenziselwa iziyunguma neziganeko ezithile ngabahlali.

    INTSHAYELELO

    Koyana:

    Khawulezani! Balekani, niye kwiivenkile zeekhamera. Balekani! nifike nithenge iikhamera!

    Thengani iikhamera. Zibutheni ngezikotile; ningxam' ukugoduka.

    Nakufik'emakhaya, wolani iintsapho zenu nithath' iifoto! Nithath' iifoto! Nithath'iifoto! Thathan' iifoto zosapho lonke luphelele…. Thathani iifoto zosapho luphelele! Luphelele!

    Ngakumbi abantwana. Ngakumbi abantu abatsha.

    Ncedani! Khawulezani, liyatshona ilanga!

    Thathani iifoto zabo bonke abantwana.

    Thathani iifoto zabo bedlala, belila, befunda iincwadana zabo, okanye besenza misetyenzana yabo na. Kodwa, ngxamani! Khawulezani!

    Thathani iifoto zabo begigitheka, bezihlekela, Besenz' uqaphela-ndikhule, phaya emvuleni; Thathani iifoto zabo bekobentlombe Kuloo mandlalwana wabo umfuma-mfuma.

    Thathani iifoto zabo benxibe iyunifomu yesikolo, Impahla yabo yecawe, okanye loo madlavana abo esiqhelo. Kodwa, ncedani, thathani iifoto zabantwana benu, namhlanje!

    Zithatheni nizixhome phaya ezindongeni zezindlu zenu. Nibaxelele abantwana ukuba ngani na ukuba nenze njalo. Ncedani! Khawulezani, liyatshona ilanga. Thathan' iifoto zolutsha. Zithatheni, ingomso lethu lingekeyeli loshumi; Ithemba lohlanga lingekaginywa, lwale, ngumhlaba.

    Ncedani! Khawulezani! Thathani iifoto zomlisela nomthinjana! Thathani iifoto zaba bantwana bangayi kuwadibanisa amashumi amathathu eminyaka, abantwana abangasokube bakhule de bakhokhobe.

    VUKANI! VUKANI, MAWETHU!

    MY PEOPLE, WAKE UP! WAKE UP!

    INDIMA-1

    UMBONISO-1

    Mfundo:

    Hey, Mama kaZama, aba bakho abantwana abanaxesha lakubuya? Latshonayo nje ilanga, baphi? Sekulayite nogesi phandl' apha!

    Nomandla:

    O! Ngabam namhlanje? Mabanconywe, babe ngabakho. Mabagqwidize, guququ, babe ngabam! Whuu-woo! (Uyahleka)

    Mfundo:

    (Exhom' izandla) Kulungile! Kulungile! Abethu…Baph' ebusukw' apha?

    Nomandla:

    Youth club!

    Mfundo:

    (Ukrwaqul' esihlahleni) Eli xesha? (Kuvakala amazwi - kuhlekwa nguJongi noZama)

    Nomandla:

    Unesi ubethetha nabo nge… (Gqi, uJongi noZama)

    Mfundo:

    Heke! Nanga la mahilihili!

    Nomandla:

    (esebeza.) Ngeekhondom!

    Mfundo:

    (Engaqondi.) Kutheni le ntlanganiso yenu iphum' ebusuku kangaka? (Kungona aqondayo ; kuNomandla) He-e? Uthi kutheni?

    Nomandla:

    (Umthibaza umsindo.) Ngeekhondom. Unesi ebebabonisa ukuba mabazikhusele … malunga nezesondo - Uyazi, nawe mos: ABC … (KuJongi noZama - esazolile.) Anditsho? Xelelan' utata wenu lo - unesi ubenifundisa ngantoni? (UJongi noZama bayatyhalana. Baneentloni. Ingulowo, unga kungathetha omnye lo.)

    Zama:

    Thetha!

    Jongi:

    Thetha, wena! Xelel' umama. Uza kusiwa nguye phaya!

    Nomandla:

    Uza kusiwa ndim.

    Zama: (Ethethel' emazinyweni.) Ekliniki.

    Nomandla:

    Washwantshwatha? Thetha, ndimamele!

    Zama:

    (Uphefumlela phezulu andule aphahluke.) Ekliniki. UJongi kufuneka anxibe iikhondom ; mna, kufuneka ndiye ekliniki. (Uzigquma ubuso ngezandla, ziintloni.)

    Nomandla:

    Ekliniki?

    Jongi:

    Ahlatywe inaliti, angamithi xa edlwengulwe.

    Mfundo:

    (Esothuka.) Angathini? Angathini, xa etheni?

    (Ubajonga nganye nganye. Baqubudile ziintloni, abakwazi nokuthetha.) Yhoo! Ndaze ndakuva, zwindini! ... Kwam! Kwam nqo!

    (Uyanqumama. Uhlunguzelisa intloko.)

    Mamelani apha! Ndisebenza nzima, ndisebenzela nina aba. Asingopuca ukuba yinqununu yesikolo. Akukho nto ndinganenzeli yona. Mna ke, ndilindel' ukuba nina aba nibe ngumzekelo kwabanye abantwana; yaye, ningalihlazisi igama lam. Niyabona ke, mnye qwaba uABC eniza kuzikhathaza ngaye,

    Enjoying the preview?
    Page 1 of 1