Discover millions of ebooks, audiobooks, and so much more with a free trial

Only $11.99/month after trial. Cancel anytime.

Kuqala Kube Mnyama Xa Kuza Kukhanya
Kuqala Kube Mnyama Xa Kuza Kukhanya
Kuqala Kube Mnyama Xa Kuza Kukhanya
Ebook141 pages1 hour

Kuqala Kube Mnyama Xa Kuza Kukhanya

Rating: 0 out of 5 stars

()

Read preview

About this ebook

uNosipho ugxothiwe ngunina uFezeka, (uNowinoti) e-Askeaton, kuba enzima, waya kugaxeleka kunina-khulu uMampondo.Wahlala apho wade wakhululeka wafumana unyana uMihlali. Wazimela apho waya kumhlobo wakhe uThembeka emakhitshini eRhawutini Ulunyengeze kwaGqirha uGoosen olo sana, waya kusebenza kwa Tereblanche yonke loo minyaka. uNosipho udibana noGqirha uGoosen kwisibhedlele saseFrere eMonti apho wayelele ngandletyana-nye emva kwen eVincent nalapho wancedwa kukufanisa umxokelelwana wegolide awamshiya nawo mini wamnyengeza.

LanguageXhosa
PublisherVia Afrika
Release dateSep 20, 2017
ISBN9781415452530
Kuqala Kube Mnyama Xa Kuza Kukhanya

Reviews for Kuqala Kube Mnyama Xa Kuza Kukhanya

Rating: 0 out of 5 stars
0 ratings

0 ratings0 reviews

What did you think?

Tap to rate

Review must be at least 10 words

    Book preview

    Kuqala Kube Mnyama Xa Kuza Kukhanya - JB Weza

    Ziliqela iindlela anokuth’ umuntu azithabathe xa esuka a-Komani esiya e-Mtata. Ikhona le isuka e-Komani ijikele ngase Dordrect naseNdwe. Leyo yile idlula kwiilali zooZingquthu, Vaalbank noo Qoqodala. Ihamba ihambe, uyishiye ingekafiki eKhowa, utshone ngasekunene, uthi xa uphambili, uyophule ingekafiki eCala, utyekele ngasekhohlo, unyuke kuSathana uye kungena Engcobo – wandule ukonda ngoMtata. Kanti ikhona le isuka eKomani ingqale ngqo eMtata, idlula eCofimvaba naseNgcobo. Ikwakhona esuka eKomani yehle kuNonesi, idlule kuMatyhantya naseMackay’s nek, icande uMtsheko neDopu iye kungena eCacacu.

    Intle yandlaliwe. Ithi ineekhilomitha ezine kuphela, uyifulathele iCacadu ukuya ngase Cala, iphele itha ibe ngumhlaba. Imbi ke xa zinile imvula zehlobo, kodwa iyakrwelwa kanye, okanye kabini enyakeni ngu- Rhulumente. Le ndlela yeyona idibanisa iCacadu neCala. Yeyona isetyenziswa kakhulu zizithuthi. Kuse kube ngathi kum yeyona imfutshane okanye kungoba iqhelekile. Xa iphuma eCacadu, idlula kwilali yakwaPesi naseTrust ishiye iGreyspan noHala emva, yonde e-Indwe-poort. Ayide iye kufika eNdwe, yophuke e-Indwe-poort iwele umlambo Indwe ingqale kwifama kamfi, uB.B. Mdledle, iThembelihle, eBumbana. Iyanaba ke ukudlula kuloo fama, phantsi kwemithi yomnga, iye kuthi gqi kwisikolo esiphakamileyo sase Mazibuko, igudle amangcwaba aseBumbana, ithi kanye xa iza kugwenkcela apho eludolweni, uyiyeke ihambe yodwa ukuya kutshona kuNgxumza naseNdwana, uyibambe edolweni e-Askeaton. Yindlela yomhlaba ebheka eComfimvaba. Uhambe ngale ndlela umganyana ongangeekhilomitha ezintlanu ufike kumzi oseqaqeni phakathi kwelapesi nomnga, ikhaya leebhokhwe neenkomo, ilali esekuhleni yaseSeplan. Abantu balapho bathi kuseMishini kuba ngumhlaba owacandelwa icawa nguNkosi uStokwe, iNkosi yaMaqwathi. Abahlali balapho baxubile, ngamaXhosa nabeBala. Wonke lo mhlaba njengoko namagama eelali zakhona echaza, yayi ziifama zamaBhulu phambili phaya. Iinzalelwane zalapha ngamaQwathi kwesikaStokwe, A! Gcinisizwe!

    Phezu komfula owehla entabeni noseza iAskeaton yonke; iPanatyiphu nePanabokhwe, kumi umzi kaNtlafuno, uMqwathi nenkosikazi yakhe uNowinothi, intombi yaseUpper Indwana eMaNgxongweni. UNtlafuno wasweleka kudala eshiya inkosikazi inzima uNosipho, intombazana ekwakukuphela ababenayo, le ineminyaka elishumi elinesithandathu izelwe apha kweli bali.

    Yayingumzi omhle owawucace okwekati emhlophe ehlungwini ukuthi yayingumzi wendoda eyayizithanda, inentsebenzo.

    UNowinothi wayesawugcine unjalo unesidima sawo.

    UNosipho wakhuliswa kakuhle ngunina njengabo bonke abantwana balapho eMishini. Ukhulele enkonzweni eWisile ekwimibutho yabantwana abancinane yoBisi (Rosette) nesikolo secawa, kanti ekuhambeni kwexesha ungene nasekwayereni yecawa. Wayemhle ke bethu, engahlelelekanga naphakathi kwabanye abantwana.

    Nasesikolweni wayefana nabo bonke abantwana ababenooyise. Wayengazanga wafekethiswa ngunina njengoninzi lwabantwana abakhula bodwa emawabo. Wathi ngokwakhe akufikelela kumabanga aphakathi; elesithathu ukuya kwelesithandathu, waqala waziqonda ukuthi uyintombi, wanqaba phakathi kwabanye abantwana. Wayenomhlobokazi omnye kuphela, uThembeka owayeze ngokufunda apho eMishini ehlala kwaTitshala uRooi owayenguwakrazulwa kwiMathematics neGeneral Science kuyo yonke ingingqi yaseXalanga. UThembeka noNosipho babezintanga ncam bengumtya nethunga. Ukuya esikolweni babehamba kunye. Ukuya ecaweni babehamba kunye. Ebhasini ukuya eCala naseCacadu babehamba kunye. Wawusithi xa uthe wadibana nomnye ehamba yedwa, unyanzeleke ukuthi ubuze uphi omnye.

    UThembeka wayemhle enomkhitha, kodwa uNosipho wayemhle oku kukamamlambo. Bathe xa bephakathi kwibanga lesithandathu, wanyamalala uThembeka kwathi cwaka ngaye. Yaba ngumnqa kuye wonke umntu kuba nasesikolweni, nditsho nenqununu imbhala ayizanga yazi ukuba kwathekani ngaye. Wasala uNosipho elilolo, futhi kucace nakuthathatha ukuba wayenesithukuthezi. Kodwa ukuba wayekho umntu owayenolwazi ngokunyamalala kukaThembeka, yayikwanguNosipho lowo.

    Esikolweni wayesoloko eyedwa uNosipho. Wayefanelwa kambi yiyuniform; wayekule ntanga ibopha ityhuniki ngerhali apha ngemva, imana ukuthi vintsho-vintsho-vintsho xa ehamba.

    Yayisitsho ngombono omhle ke bethu, ngokukodwa xa efulathele kobukeleyo, into echulayo ukunyathela. Wayebonakala ukuthi naye wayeqinisekile ukuba ujongiwe. Imilenze yakhe yayimihle ikhazimla yivaselina, iqinile ekweyomleqwa. Wayekwibakala lokuthandwa ukuthunywa ngooTitshala, futhi cucacile ukuba wayekho nasencokweni yabo.

    Kukho nto isimanga ngabazali; Umzali angathi emazi umntwana wakhe ukuba akasebenzi, kodwa athi xa engena ephethe inyama yegusha, okanye impahla yendlu okanye enxitywayo, avuye endaweni yokumngcambazisa okanye amngxolise. UNosipho wayenezinto abanye abantwana ababengenazo, nditsho nootitshala ubuqu babengekhe babe nazo. Amacici akhe ayezi knobs.

    Wayenomsesane owawugungqisa ootitshalakazi kuba wawufumaneka kwaAmerican Swiss kuphela. Emqaleni kwakujinga umxokolelwane wegolide, owawunentliziyo eyayinento engathi ngamanzi ngaphakathi. Wawusithi xa uwujongile ube bukhazimla njengeperile. Wawunomtsalane, futhi wawungekhe ungafuni kuwubamba ngendlela owawumhle ngayo. Makube bethu unina wayesithi lo mntwana izinto zemali enkulu kangaka, weyezifumana phi? UNowinothi wayengekhe abenayo loo mali ingako. Babekhe bazithethe ootitshala ezo zinto, kodwa babeqeshelwe ukuba bafundise abantwana besikolo. Kuye kuthi xa umntwana oyintombazana enje ngoNosipho, abantu banqwenele ukwazi ukuba uncuma nabani na, kodwa kwakunzima ukuwubuza lo mbuzo kuba weyeselula. Kodwa yayikhe yathetheka into yokuba wayekhe abonwe kwimoto yasebuRulumenteni eyayikhe ibonwe imi ngakwaNowinothi ezinzulwini zobusuku, kodwa emini wawungekhe uyibone.

    UNosipho uyagxothwa ngunina

    Ekuqaleni kobusika kuwo loo mnyaka, ngenyanga kaTshazimpunzi, ngentsimbi yesithandathu ngokuhlwa, kumisa ibhasi evela eMtata kanye esikhululweni ngakwaBaxter eAskeaton. Behla abantu ababevela eMtata naseNgcobo. Weehla kuyo uNowinothi ekhangeleka budinwa. Kwakuthande ukubakho nenkwankca.

    Umoya obandayo wawuvela ngakuLubisi. UNowinothi wayemke ngezolo ukuya kuninalume kuManzana, eNgcobo. Kudla ngokuba yintsokolo ukusuka e-Askeaton ukuya emishini kuba zinqabile izithuthi. Kaninzi abantu badla ngokuthi banyuke loo mnqantsa ngeenyawo ngaphandle kokuba umntu abenethamsanqa lokufumana imoto eya kuCofimvaba nakuLubisi. Ngethamsanqa kuthe gqi iNissan Sentra 1.6 kaMfunsisi uNdileka evela eCala esiya eMishini, wamchola. Umehlise kanye eNkalweni kufuphi nomzi wakhe. Uthe engekangeni endlwini, wakhawulelwa yintombi yakhe uNosipho eyimvuzemvuze bububele. Ufike wamncedisa ngomthwalo wakhe baya kungena endlwini. Uthe engena nje uNowinothi wonda ngebhedi yakhe wazijula phezu kwayo; Shu- uu; Hay’okunje kona ukudinwa!

    Oko nje ufikile, Ntsundu, mna besendinexhala ngokukodwa xa ndicinga nokunqaba kwezithuthi eNgcobo,

    Enjoying the preview?
    Page 1 of 1