Discover millions of ebooks, audiobooks, and so much more with a free trial

Only $11.99/month after trial. Cancel anytime.

Umdlanga
Umdlanga
Umdlanga
Ebook95 pages1 hour

Umdlanga

Rating: 5 out of 5 stars

5/5

()

Read preview

About this ebook

Umdlanga (Circumcision assegai) is a play in Xhosa. Nanko umdlalo wokulinganiswa endithemba ukuba uya kuba nendima oyenzayo kwiincwadi zethu zemidlalo ezinqongophele kunene. Njengomntu osaqingqayo kolu didi lwencwadi, ndithembele kwiingcebiso nokunqwanqwadwa nini, nto endiya kuzithakazelela kunene.

LanguageXhosa
PublisherVia Afrika
Release dateNov 5, 2018
ISBN9781415461471
Umdlanga
Author

PT Mtuze

UProfesa Peter Tshobisa Mtuze ngumbhali ophume izandla kuncwadi lwesiXhosa. Iincwadi azibhalileyo ezikumashumi amathathu zibandakanya iinoveli, amabalana, izincoko, imidlalo, isihobe, neencwadi ezingobomi bakhe. Wazalelwa kwisithili saseMetele ezifama kodwa wakhululela kwisithili saseKaladokhwe. Amabanga asezantsi uwafunde eFish River naseKhaniwe, waya kuthi xhaxhe kwiBanga leSine ekuthe emva koko waya kufunda eSt James eKaladokhwe apho waphumelela iBanga lesiThandathu emagqabini. Wenze njalo nakwiBanga leJ,C. Imfundo engasentla uyenze sele esebenza – iMatriki nezidanga ezisixhenxe kwiiyunivesithi ezahlukeneyo ezizezi – iRhodes, IKapa neUnisa.

Reviews for Umdlanga

Rating: 5 out of 5 stars
5/5

1 rating0 reviews

What did you think?

Tap to rate

Review must be at least 10 words

    Book preview

    Umdlanga - PT Mtuze

    Kwiinkumbulo ezingomnye woonyana be-Afrika abathandekayo, umfi uGideon Zwelinzima Yantolo, B.A., B.Ed., owathi ngexesha elifutshane lobudoda bakhe, wenza umqela ongenakulibaleka, washiya indima ecacileyo phambi kwamehlo esizwe.

    Intshayelelo

    Mawethu, nango umdlanga, isikhali esixatyisiweyo nesihlonitshwe kunene kwaXhosa kuba kungolo dini ukuzalwa kobudoda. Nize niwuphathe ngobunono, xa ungasebenzi, uhlale kwikhohlombe lawo ukuze ungabinomhlwa. Mbangi yokuba ungabiyiyo laa ntsimbi niyiqhelileyo yamandulo kukuguquka kwamaxesha nomthetho osalelayo ukuba sibe nezixhobo ezinganobungozi. Kungoku nje neembongi zethu seziphatha oosingamkhonto bomthi! Zijikile izinto, bantwana benkos’ entle. Amaxesha ngamanye, unokuba uyangqina noNgxabane apho akhoyo.

    Nanko umdlalo wokulinganiswa endithemba ukuba uya kuba nendima oyenzayo kwiincwadi zethu zemidlalo ezinqongophele kunene. Njengomntu osaqingqayo kolu didi lwencwadi, ndithembele kwiingcebiso nokunqwanqwadwa nini, nto endiya kuzithakazelela kunene.

    Enye nenye niya kuzandisela, mawethu.

    Ndisisicaka somzi kaNtu.

    P.T.M.

    Abalinganiswa

    UFIKELE: Umyeni kaNomthunzi

    UNOMTHUNZI: Unkosikazi kaFikele

    ULANGA: Unyana kaFikele noNomthunzi

    UCIKIZWA: Owayesakuthandana noLanga

    UNONTANDO: Unkosikazi kaLanga

    UNOBANTU: Umhlobo kaLanga noNontando

    UNZAME: Abahlobo abakhulu abathanda utywala

    UPHUMI: Abahlobo abakhulu abathanda utywala

    UXOLANI: UmnakuboNobantu

    UMPINDA: Ixhego elinamava laseSada

    UNAPILISI: Indoda enkulu yakwaNtshele

    UNTLOKWIBOMVU: Abahlobo abakhulu abathanda utywala

    UFANAYI: Amadoda aseMantsheleni eMchewula

    USINDILE: Amadoda aseMantsheleni eMchewula

    UMASINGILI: Amadoda aseMantsheleni eMchewula

    Indima 1

    Umboniso I

    (KwaFikele noNomthunzi eGoshen. Bahleli.)

    NOMTHUNZI: TakaLanga, uLanga usifumene esiya sithuba sokuba ngumabhalana phaya e-ofisini eSada.

    FIKELE: Ziindaba ezimnandi kunene ezo Hlubikazi, kuba sibulalekile kule minyaka mibini le nkwenkwe iseFlimentile. Uthi uya kuqalisa nini? Bendithe nqa kakade angasifumani umfo wam engazityhafisi nje. Inye kuphela ngoku into eseleyo. Ndakuma kakuhle ndiza kumalusa umfo omkhulu abe ugqibile. Uyiqonda phofu le yokuqala ukwalusa sesikhokhoba? Koku kuzeka sowusaluphala!

    NOMTHUNZI: Igugu! Ulumkele igugu, takaLanga.

    FIKELE: Igugu elitheni?

    NOMTHUNZI: Kuthiwa lingaba likhulu umbombo uyaqhosha.

    FIKELE: Ngoko kwakungoko, Rhadebe. Ngoyena mntwana ndiphuma naye lowa kulo lonke olu lwatsaka lwabantwana waluzalayo. Lelona xhanti lalo mzi. Inene ndiyambona yindoda, izinzile ingqondo yakhe.

    NOMTHUNZI: Ndisiva ngeempukane eziluhlaza nje ukuthi lo mntwana waluka, wakha wayiva loo nto?

    FIKELE: Walukela phi na, Nomthunzi? Walukele embilinini okwembila? Sisimanga sani eso?

    NOMTHUNZI: Khawume ngokubhabhazela wakuxelelwa into, takaLanga. Inzulu le nto, ifuna ukuhlalutywa ngengqondo ezinzileyo necwengileyo.

    FIKELE: Yid’ uchaze, mfazi, khawuyeke ukushumayela.

    NOMTHUNZI: Hayi, akukho nto isihlahla ndiyaziyo nga phandle kokuba kusitsho yena ngokwakhe ukuthi baziba phaya kwaKomani, balukela esibhedlele.

    FIKELE: Esibhedlele! Sisimanga santoni eso? Ngumhlola, ndifung’ uma! Uyafeketha. Yinto awayibona isenziwa ngubani leyo kulo mzi? Ilisiko laphi lona elo? Ndifung’ uNonzima udadewethu, uyaya ebhomeni. Ndikhe ndayirhanela ke le nto. Usakhumbula ngokuya wayefike apha enxibe impahlana yekaki ndathi ndakubuza ukuba yeyanina na wathi yeyeqela loovulindlela besikolo? Ngenye imini ndambhaqa egalela ucumse kwihlala lamafutha okuthambisa, wathi, uphelisa amaqhakuva ebusweni, ucetyiswe ukuba asebenzise umgutyana kacumse namafutha obuso. Sigagene!

    NOMTHUNZI: Kowu! Azi bendikuxelelela ntoni na le nto. Ayikafuni kuthiwa pahaha le nto, iseyeyakwamkhozi ...

    FIKELE: Inyala lakha layinto yakwamkhozi? Selonakele nje ilizwe koku kubethwa kwamanyala ngoyaba. Yini engafiki ngoku ndiseshushu nje, ndimxelele isiponono, ndimgqogqe iindlebe, ndimkhombe ebhomeni, ahambe ngayibonayo ukuba akandiva!

    NOMTHUNZI: Uze uncede, Qhwesha, Diya, Ndarhana, Bhejula, ukhe ungxenge igazi, umbuzisise ngokwakho ngale nto akufika. Seyiphelile iholide, umele kuya kuvula phaya eSada kule veki izayo.

    FIKELE: Akukho nto ndiza kuyibuza. ULanga ngunyana wam. Andazi nto ngakwaluka kwakhe. Mhla wafika ndiyamalusa qha ke. Uyandiva, Rhadebe? Walukela phi ndiphi mna yise? Ziintloni zani ezi andifaka kuzo? Kungatshiwo nokuthi

    Enjoying the preview?
    Page 1 of 1