Discover millions of ebooks, audiobooks, and so much more with a free trial

Only $11.99/month after trial. Cancel anytime.

UNongxaki nezakhe
UNongxaki nezakhe
UNongxaki nezakhe
Ebook178 pages2 hours

UNongxaki nezakhe

Rating: 5 out of 5 stars

5/5

()

Read preview

About this ebook

Umbhali uqingqele kuloo lali ijonge eThunxe phezu kwaloo mlambo weNciba. Abazali bakhe bafuduka eselula baza kuma eNgxingweni kule ndawo kuthiwa kukuBanzi kwisithili sakuCofimvaba Imfundo iphinde yambuyisela kwaseNciba xa akwibanga lesihlanu nelesithandathu. Emva koko imqhubele phantsi kwezo ntaba zo-Lundi kwi-J. C. neP. H. Ukubhala le ncwadi urhawuzelelwa sisilonda sakudala esingapho-liyo esabangwa ngulo mkhonto: The place of a woman is in the kitchen. Lo mkhonto wamhlaba engumntwana wesikolo, inxeba lawo alipholi. Le nto yenza ukuba azibone efana nehlazo kwiititshala zakhe, zinge ziwakhuphela phandle amantombazana xa zifundisa Yini na ukuba iititshala zam zingabi sazi ukuba ndatshona ku-siphi isiziba!

LanguageXhosa
PublisherVia Afrika
Release dateNov 6, 2018
ISBN9781415461365
UNongxaki nezakhe

Reviews for UNongxaki nezakhe

Rating: 5 out of 5 stars
5/5

2 ratings0 reviews

What did you think?

Tap to rate

Review must be at least 10 words

    Book preview

    UNongxaki nezakhe - G Belebesi

    Ibali likaNongxaki libali elitshotsha entla, alinantanga, ligqwesile ngokunika umdla. Encwadini kubakho umxholo omkhulu kulandele imixholwana ebhekiselele kule nto umbhali abhala ngayo. Umxholo ophambili kule ncwadi, ziinkathazo athi uNongxaki abe kuzo, athi sezama ukuzoyisa, kungabilula kuye. Ukhula kabuhlungu engcungcuthekiswa ngumama wakhe engafuni ukuba aqale isikolo esithi yena zange wafunda, akukho nto angakwazi kuyenza kuba engafundanga. Umama wakhe uphela esoyisakala emvumela ukuba aye esikolweni kodwa emxelela ukuba makaphele kweliphi ibanga.

    Udibana nengxaki yesibini yokwendiselwa ngenkani emntwini angamfuniyo, waphela engatshati nalo mntu, esimka nelinye isoka ngomhla womtshato ephuma sele esecaweni, eshiya umfundisi obebatshatisa nalo myeni ebengamfuni bethe ca izisini. Uthe ukuba alishiye ikhaya, zaphinda zaqala phantsi iingxaki, akamkeleka kumamazala wakhe, wemka umyeni eyokuphangela eKapa engathumeli engabuyi nokubuya. Yamngcungcuthekisa loo nto. Waphela utatazala esithi makaye emyenini eKapa. Wathi ekwelo Kapa, akafumana sihoyo emyenini. Waphinda wabuyela emzini wakhe. Wangcungcuthekiswa ngakumbi ngumamazala wakhe, waphela ebuyela kokwabo esoyika enjalo. Waxelelwa iindaba zakhe kokwabo exelelisiswa, kodwa baphela bemamkela. Xa esathi wonwabile kokwabo waza kulotyolwa ephuthunywa ukuba abuyela emzini wakhe. Hayi ke ngoku wafika umamazala wakhe evutha yintiyo sele emvimba noku kushushu ukutya, engafuni nokuba aphathe iimbiza zakhe apheke uNongxaki. Bamnzimela ubomi emzini wade waphela ezimela ngobusuku kwakhona, waphela elandelwa ngumyeni. Balishiya ikhaya lakulomyeni baya kuhlala kwenye indawo. Ufumana ukonwaba uNongxaki ekupheleni kwencwadi, efunyenwe ziinzingo kwincwadi yonke ngokuba kuthi umzi wakhe sowuvuthulukile, ingulowo ehambe ngayibonayo, babuye badibane, kubuywe kuyo kuvuswa umzi nomamazala sele ebuye wangumntu onobubele.

    Ukuthungulula

    Yini! Qingqa mntwan’ akhuthuk’amadolo,

    Yini! Savel’ isaphuselan’ esindim,

    Savela singaphethe nto.

    Xolani, mawethu, Xolani.

    Ngubani n’ ongathandiy’ ukugqushagqusha?

    Nok’ amadol’ anogevane?

    Ngubanin’ ongafuniy’ ukubon’ inkwenkwez’ enomsila?

    Uza kuth’ ubone ntoni wena, nam?

    Uza kuthi wenzeni wena nam?

    Lumka laphum’ ikhwez’ ulele,

    Lumka laphum’ ilang’ ulele,

    Nalo lakuhlab’ emqolo.

    Ndee gu, ndee gu Ndee, sululu,

    Ndayibon’ intlants’ eluvundwini,

    Yakhul’ intlantsi, yaqaqamb’ intlantsi,

    Yakhany’ intlantsi yenz’ isithatha.

    Phesheya kwenzonzobila yakhanya.

    Ulangazelelo luyandiqhuba,

    Kumnyama ngaphambili,

    Kodw’ isibane solangazelelo siyavutha kobo bumnyama.

    Bubumnyama, hayi, sisifingo;

    Sifingondini caca;

    Ilizwe lokonwaba liyamlangazelela,

    Nempepho yokonwaba iyamlangazelela,

    INgxingwa kaNkqwemesha kuye ithe thaa.

    Imkhumbuz’ ezakudala.

    Phosa ngasemva ngokwegqirha;

    Libala mnt’ omkhulu.

    Igqirha kokwalo alaziwa laziw’ ezizweni.

    Abakowen’ abanankcazelo ngawe

    Sikhe sababuza bangasuke

    Basixelele ngokugaqa nokuqingqa.

    Kanti thina sijonge ngaphaya.

    Qingqa ke, qingqa mntwan’ akhuthuk’ amadolo.

    Ngomso uvuke ucathula.

    Ncincilili!!!

    Ingxingwa kaNkqwemesha

    Yingxingw’ encinane kodw’ iqulathe lukhulu,

    Ingqongwe ziingqolwana zimbini nazo azinkulu

    Amatye ziinyengane zodwa

    Umfazi usifuman’ apho isando sokuqandula.

    Umbhongisa uhamba uthi gqa, gqa.

    Umalus’ emi kwezo ngqolo,

    Ubon’ eChamama, abon’ eQutsa.

    Umthomb’ opholileyo ukho kuloo Ngxingwa,

    Ovel’ eNqolos’ esiya eChamama

    Usela kuloo mthombo.

    Abasebenzi bendlela basela kuwo,

    Abalusi bempahla bacim’ unxano kuwo,

    EzaseChamama nezaseQutsa zisela kuwo.

    Yintlanjan’ encinan’ ephuma kuwo,

    Kodw’ ithwel’ izizwe.

    Ecaleni kwalo mthombo liziko lomthoba.

    Ichitywa lomfaz’ ongenamntwan’ useRhawutini.

    Kwabazobayo imihlab’ ihlohle le ntlambo.

    Zibhonx’ amabele zikheth’ imihlaba.

    Ezantsi kule ntlambo yalo mthombo,

    Natya-a isitiya semifuno.

    Zonke ziziqhamo zalo mthombo.

    Ndithe mncinane ngenkangeleko,

    Kodwa mkhulu kwiziqhamo.

    Iinqwelo zamafutha ziyema apha,

    Zibizwa ngulo myezo weziqhamo.

    Ngumsebenzi walo mthombo.

    Ukhuthaz’ abanentando-limo,

    Ukhuthaz’ abadlula ngendlela

    Bakhe bahlale phantsi babukele.

    Vukani, bafazi, sisebenzise lo mthombo.

    Umfazi ozala izigelekeqe

    Asinguye olizala kuphela,

    Notyendyana luyamzal’ umntwan’ onesiqu.

    Umgcunube utyalwa ngoswazi.

    Kodwa khangel’ ubukhulu bawo.

    Masingawudeli lo mthombo.

    Masikhangel’ izint’ eziphuma kuwo.

    Madod’ aseNgxingweni, xelelan’ abalimi ngalo mthombo,

    Kuwo kungavel’ imiyezo,

    Kuwo kungavel’ izityalo,

    Abalimi bangafuman’ igama,

    Abalimi bangathwal’ indwe.

    Oogqirha baphungulelw’ umsebenzi,

    Namagqwirh’ aphungulelw’ izityholo,

    Kuba kwakuvel’ uzifozonke.

    Nditsho nakuni, zimazi zakuthi,

    Le mfundwana sinayo masiyisebenzise,

    Mayingagqoliswa ngumsi nomle,

    Yothi kanti iqulathe lukhulu,

    Yothi kanti iziqhamo zayo zikhulu,

    Utshilo kum ndev’ intliziy’ ibuhlungu.

    Uthi siyek’ ukuth’ asidalelwanga loo nto,

    Uthi siyek’ ukutyhol’ uMdal’ engaph’ akwamafu,

    Uthi siyek’ ukuxhaml’ amagqirha ngongenayeza,

    Uthi siyek’ ukutyhol’ amagqwirha namhl’ izandla zimsulwa.

    Uthi siyek’ ukuthi umasixabane wokuvus’ ingqondo,

    Uthi masimbe, simkhande, sihlambe. Nantso ke!!

    Isahluko 1

    KwaZithulele

    Kuloo ngxingwa kaNkqwemesha, kufuphi nengqiniba yendlela yenqwelo ephuma kuCofimvaba eya eNciba naseHoita kanye emdeni weNgxingwa neQutsa kumi umzana ondlwana zimbini womnumzana obizwa ngokuba nguZithulele ngamakhwenkwe.

    Kambe ke igama lesiqhulo lide limfanele umntu ngaphezu kwelokuzalwa, ngokukodwa aliphiwe ngamakhwenkwe.

    Yintlazane esikolweni, abantwana benze inzwinini bedlala, besukelana, abanye benze iziqhu bemamel’ ositsh’ ub’ inguwe. Ootitshala nootitshalakazi kwalathiswana ngezityalo namaziko ezithole esitiyeni sesikolo.

    Kufuphi nesikolo nanko uZithulele ehleli ecaleni kothango. Uyayiva le ngxolo, phofu akayiveli ntweni kuba uxakekile usuka ingxowa yakhe yebhokhwe ezimisele ukuba uze uthi umgidi wakwaZanele ufika, ufike ilungile.

    Hawu, hawu, hawu! Nqanda, mntwanam, uThambolenyoka angalumi abantu, utshilo uMaMpemvu exakekile erhida.

    Kwedini, uyandifunza, litshilo ilizwi lalowo ubekhonkothwa yinja. Ngenyani ke inkwenkwe ifike kunzima, intonga ibhula ngapha nangapha, uThambolenyoka amazinyo ewabeke ngaphandle kodwa namhlanje ingengawo awokuhleka. Ifike yawubhinqela phezulu nayo inkwenkwe ibiza inja ngegama, iyibhula ngerhonya elichole ethuthwini.

    UZithulele uyilahle ngephanyazo ingxowa yebhokhwe ebizwa yimfazwe kaThambolenyoka noZenzile. Ufike wayichitha-chitha. Kuthe kanti inja seyikhe yamvavanya lo mfo apha esiqulubeni. Kaloku undwendwe olu lufike ingubo luyithe tyu egxalabeni lasekhohlo ijikeliswe ngaphambili yaza kufakwa ngesondo endabuleni kwicala lasekunene yaza kudibana nesondo langasemva. Ithe ke inja xa yenza isaqhwithi, waqala ngokuyiphekuza ngengubo ngesi sasekhohlo. Uthe xa sel’ ebona ukuba incoko ayikho waqala wasebenzisa intonga, yiyo le nto yenze ukuba kuthi naxa inkwenkwe seyibhula ngerhonya ingabisaqonda inja nokuba iyanqandwa okanye iseyilaa ngubo ibiphekuzwa ngayo. Ithe ukuba ive irhonya liyibhula emehlweni, yaphepha yaxhumel’ esiqulubeni. Akakhawulezanga ukuwaqonda amazinyo enja esiqulubeni kuba kaloku bekusatshisa.

    UZenzile uhambe ekhuza njalo nomninikhaya besiya ngasengxoweni yebhokhwe. Le nja indilumile, madoda, watsho ejonge esiqulubeni. Zithobile!

    Tata!

    Khawuleza uthi unyoko akunike amasi, le nja imlumile uyihlo, mntwanam. Watsho ngelingangxamanga uZithulele ebhekisa enkwenkweni phofu ebonakala ukuba uzibambile naxa imcaphukisile le nja.

    Phofu noko ayisisusanga isihlunu, kufuneka nje kunqandwe ubuzaza. Utsho ngoku ebhekisa kolunyiweyo.

    lphi ke inja? Bafika seyigxwalise amehlo ecaleni kwengxowa yebhokhwe, naloo mehlo ebomvu, ithe buthuthu, intloko iyandlalele ngemikhono imana imba ukumjonga oku ngathi ithi, Uya kuhlal’ usinda. Ze bakukhusele xa usuka apha. Uya kubona into embi ngawenyama.

    Amasi akhawuleze afika ephethwe ngesiciko sikafephiwe. lgalelwe ingqaka kuloo mazinyo, yacengwa inja ukuba ize kukhotha. Uyibize kaninzi ingezi. Bancedwe kukuba kungxame ingqeqana xa ibona amasi. Bathe xa bezama ukugxotha ingqeqe waxobuluka umnt’ omkhulu waza kukhotha. Uthe ukuba agqibe ukukhotha wanyalasa ukuya ngasendlwini waza kuhlala ecaleni lengqame, wahlala ngalaa ndlela bamfumane ehleli ngayo ngasengxoweni yebhokhwe, umbombo wona ujonge ngaselutshabeni. lbe ngafika ingqeqe isithi idlala naye, uThambolenyoka akakhe atsho nokuvungama. Imhle imnyuka. Wanga akeva akaboni.

    Le nja ineengcwangu, utshilo uZenzile. Ngubani igama layo kakade? NguThambolenyoka, utshilo uZithulele ephendula umbuzo oshushu kaZenzile

    Si-i-i, lelokwenyani. Wawuyithatha phi? Watsho umbuzo. Hayi, Ngqosini, yacholwa le nja nguZithobile, itshilo impendulo. Nisaza kuchola nezinomgada. Xa ngathi nomcholi imxakile nje, ayiseva nangendlebe naxa sel’ eyinqanda. Inene nisaza kuchola namachanti neengonyama nizizise ekhaya. Wakha wayiva inja engasakhethi namazwi abantu basekhaya? Utshilo uZenzile ebonakala ukuba ubindekile.

    Hayi, Ngqosini, amakhwenkwe wona yinto yawo ukuchola izinja; nto nje le ndiyabona yinja ehlutsheziweyo apho ivela khona, ngoku ke asikayiqondi indlela enqandwa ngayo. Mna ndibona ngathi uzenze ngokuyiphekuza, ndibona ngathi inqandeka lula xa umntu emi engaphakamisi sandla, uhambise watsho uZithulele sel’ ebona ukuba undwendwe lwakhe lukhathazekile. Kanti iyanceda ke nasesithubeni samasela ebusuku.

    "Ngelishwa ke ayenzi mahluko phakathi kobusuku nemini. Hayi asiyonja le. Oko, andizange ndilunywe yinja. Ndiseyinkwenkwe ndikhalisa ifuleyiti andizange ndidibane

    Enjoying the preview?
    Page 1 of 1